What do you think of the Margate Airport re-launches their flights?
Its long overdue
Its going to be out of our price range
Don´t care, don´t fly anyway

 

Bekuxhel exhukwana ngelixa kuphethulwa isoyi lamanzi


0 votes
The article has been Rated None stars
Ngokutsho kukaMeya wase-Alfred Nzo, uCeba Gcinikhaya Mpumza.

by Andile Moshoeshoe
12 March 2010

BEKULUVUYO nochulumanco kuluntu lwelali yaseTholamela eMatatiele ngelixa umasipala wesithili, i-Alfred Nzo ehlaba isoyi apho kuzakuthi kokhiwe khona iziko elizonikela ngamanzi elizoxabisa isixa mali esibalelwa ku-R2.9 million.
Oku kulandela ukunqongophala kwamanzi kula ndawo nanjengoko isikhululo esasinikezela ngamanzi kuluntu lwala ndawo esasibizwa nge-George Moshesh singasasebenzi. Le yenye yeendlela zikamasipala zokuvula indlela ukuze kutshintshwe imeko abantu abaphila phantsi kwazo nebezingaginyisi-mathe kwaphela zibengcono.
Bangaphezulu kwewaka namakhulu amahlanu  abantu abazoxhamla kulenkqubo yokufakelwa kwamanzi maziko lawo kulindeleke ukuba athathe ixesha elide. Ukanti ibalelwa ku-R80 million imali esele ichithiwe ngumasipala we-Alfred Nzo kwiilali zaseMatatiele ezohlukeneyo nanjengoko lo masipala ubusanda kuvula ngokusesikweni esinye sezikhululo zamanzi esadla u-R65 million kwilali yaseFobane.
Ngokutsho kukaMeya wase-Alfred Nzo, uCeba Gcinikhaya Mpumza, iinjongo zabo ngeli phulo kukuqinisekisa ukuba abantu basezilalini abajongani neengxaki zamanzi nokuba bahambe amabanga amade ukufumana amanzi. “Sihlale phansi sahlalutya nalapho siye sagqiba kwelokuba sakhe izikhululo zamanzi ezinkulu nezizothi zinikezele ngamanzi kubantu abakumlinganiselo omkhulu ukuze sihlukane nokwakha izikhululo ezincinane eziye zithathe ixesha elifutshane zisebenza”.
Uphinde wathi oku nje kusesisiqalo kwaye kusekuncinane nanjengoko eso sikhululo sizookwakhiwa izigaba ngezigaba. “Injongo zethu kukuba esi sikhululo ibe sesona sikhulu nesizakuthi sinikezele ngamanzi kubo bonke abantu bale ndawo”. Uthe ngelixa sisakhiwa babalelwa kumawaka amathandathu (6000) abantu abazakufumana amathuba emisebenzi.
Uhambise wathi oku kusesisigaba sokuqala nanjengoko bebeke ecaleni imali ebalelwa ku R112 million yokujongana namanzi nje kuphela. Ucele abo bazakuthanda ukufakelwa iitephu zamanzi emizini yabo bangazenzeli koko banxibelelane nomasipala wabo ngenjongo zokuba kulandelwe imiqathango efaneleyo kuba ukuzenzela kuzodala iingxaki ezizochaphazela abantu bendawo bebonke.


Votes
Rate this story/report
Rating
0
None  
     
Abahlali ababenhambele owesoyi.
no aditional files attached

Comment on this story/report

Email:
Name:

 


- Related stories / reports -


Inkondekazi ibhiyozele ukugqiba iminyaka eyi-99 iphila

KUBE luvuyo nochulumanco kwinkondekazi ebigqiba iminyaka engamashumi alithoba nethoba (99) yonke wazalwayo ngelixa esenzelwa igxikela yombhiyozo wosuku lokuzalwa libandla laseMthini (noku yintlanganisela yamabandla) kwilali yaseGomatana eMqanduli.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars

Iyaxhalabisa eyabantwana ababhalela emadolweni

SEZIQALILE iimviwo zokuphela konyaka zebanga leshumi yaye abanye abafundi kulindeleke ukuba baqale ezabo kungentsuku zatywala, kodwa ukubhalela emadolweni nokuhlala ematyeni kwabantwana ezikolweni bambi baphathe izitulo zabo emakhaya sele kuvuse inkxalabo kubazali nootitshala kulandela iphulo elithe layilwa lisebe lezemfundo eMpuma-Koloni lokuthatha izitulo needesika ezindala ziyokwenziwa ntsha.
Comments: 0
11 votes
The article has been Rated 3.2 stars

IMatatiele ihambile! Amehlo athe ntsho eKokstad naseHarding

I-AFRICAN National Congress eMpuma Koloni ikwiphulo lokubuyisela umasipala waseGreater Kokstad, ongaphantsi kwengingqi iSisonke District Municipality nomasipala wase-Umuziwabantu, eHarding ongaphantsi kwengingqi UGU ngaphantsi kweMpuma Koloni.
Comments: 0
1 votes
The article has been Rated 1.0 stars

Kuvulwe iziko lezempilo eCofimvaba

Kube luvuyo nemincili kuluntu lwaseMbulukwenza ku-Ward 13 kwidolophu yaseCofimvaba ngelixa kuvulwa ngokusesikweni iziko lezempilo kulandawo. Kanti bekukokuqala ukuba khona kweziko elikumila kunje kulammndla waseMbulukwenza.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars

Ityunjwe Kwi-Mnet Award incwadi...

UVAKALISE ulonwabo nochulumanco umbhali wencwadi kukuchongwa kwencwadi yakhe yesibini kwi M-net award ethi, "Nantso ke inqontsonqa".
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars
 
 
 
 
 
 
© 2007 FeverOnline - 2010/09/09 09:24:25 PM