|
by Simbongile Mdledle
05 February 2010
LUKHAMNQISIWE usapho lakwaMadyibhi eQwe-qwe cebukuhle nedolophu yaseMthatha, emva kwesiganeko sokuzibulala kwentombazana yolusapho ngokuthi izityise into enobungozi.
USposethu Madyibhi (18) ubengumfundi kwisikolo iZamukulungisa Senior Secondary School kwalapho eQwe-qwe. Esi siganeko sithe senzeka kwiveki esiyisingelayo emva kokuba le ntwazana ethe utitshala wayiphindisele kwibanga ekuvakala ukuba ibisele iliphumelele ikhutshwe sele ikwigumbi lokufundela kwibanga elilandelayo, ngelithi ayikhange iphumelele ekupheleni konyaka.
Umnqa ke ngulo wokuba inkcaza yokuphela konyaka ichaza le ntwazana nje ngeliphumeleleyo eli banga lethoba. Ukanti oku kwenze ukuba kube ngaphaya kwamandla ayo ukuba iyophinda ibanga ibisele izixelela ukuba iliphumelele nto leyo ikhokelele ekubeni izigqithise amafu.
Ngokwengxelo kuvakala ukuba kwangolusuku isiva ezindaba le ntombazana iye edolophini eMthatha nefike yathenga iipilisi zetanki ze yazityisa zona, ithe yafumaneka irenkini isiwa nekulapho ithe yathathwa yaphuthunyiswa esibhedlele eNeslon Mandela nekulapho ifike yayikhaba khona ibhekile.
Olilungu losapho, uNkosikazi Adelaide Madyibhi, evakala ekhathazekile uthe banemibuzo engaphendulekiyo ngale nyewe ukuba kutheni kukhutshwe inkcaza ethi lo mntwana uphumelele kanti akaphumelelanga. Uthe ibaphule imiphefumlo into yokusweleka kwalo mntwana kuba nabo bebemazi ukuba upasile, eyokuba akaphumelelanga abazi ukuba iphinde yavela phi.
Uthe luninzi unyawo lwemfene kule nto kwaye bafuna uphando olunzulu oluzakuveza gabalala ukuba kwenzeke ntoni. Kuvakala ukuba utitshala othe wayalela lo mntwana ukuba aphinde kwibanga alisezantsi uyindoda. Imizamo yokufumana inqununu yesi sikolo ukuba inike eyayo inkcaza iwe phantsi de kwafika ixesha lokushicilela. Kuvakala ukuba isikolo esi sele siyile kusapho ukuya kovela nalapho sifike saxolisa.
Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma-Koloni, uMalibongwe Mtima, uthe umcimbi lo usenyeke-nyeke kakhulu kwaye akukavumeleki ukuba bathethe ngawo pahaha nanjengoko belisebe besaqhuba uphando olunzulu. Uthe yonke into bayakuthi thaca kwabe ndaba bakuba befumene inkcaza ethe vetshe. Uthe beli sebe kwakunye namapolisa benza uphando yonke into iyakuthi ingqitywe luphando olo. |