|
by Babalwa Ndlanya
05 February 2010
BEZINYATHELANA kunzima kwimidlalo yebholwa ekhatywayo nebibanjelwe kwidolophu yaseNgcobo.
Phakathi kwamaqela athe athabatha inxaxheba aquka iGoso FC nebinyathelana kunye neqela iBhukwane FC. Kulo mdlalo iGoso FC ithe yatywatyusha kanobom eli qela ngamanqaku amabini eqandeni.
Kuthe kwakuphela lona umdlalo kwaphinda kwadibana iRoma Rangers FC kunye neVultures FC nayo iRoma Rangers FC izenzele ibhaxabula kabuhlungu eli qela ngamanqaku amahlanu kwamane sekubethwa amapenathi.
Akuphelelanga apho yaphinda yangena ebaleni ingasatye nkobe zamntu i-African Virus FC yona yanyathelana naMahebere FC nakhona aMahebhere azenzele ebetha i-African Virus ngamanqaku amathathu kwamabini kwipenalties.
UWolingwe Luke nolilungu eliphambili kumbutho webhola eMzantsi Afrika, iSouth African Football Association (SAFA), ngaphantsi kweChris Hani uthe bekudlalelwa iPromotional League. Kwaye le midlalo yonke ithe yabanjwa ngentsasa nanjengoko emalanga ngosuku lweCawa kuphinde kwabanjwa eminye imidlalo.
Kule midlalo nethe yabanjwa ukusukela ngentsimbi yokuqala ngeCawa bekudibene iGreen Lovers FC, KK Juventors, Young Ideas kunye neLion Strikers nengakhange ke yona igaleleke ebaleni. Lemidlalo bekungeye Regional League. IGreen Lovers FC ibijongene okwenkunzi zenkomo neKK Juventors FC. IGreen Lovers FC izibonakalisile ukuba ayisiyiyo eyokudlala abantwana nanjengoko inqwanqwade entloko iKK Juventors ngamanqakau amabini eqandeni. Umdlalo obekulindeleke ukuba ubephakathi kweYoung Ideas FC kunye neLion Strikers FC awukhange uqhubeke ngenxa yokungafiki kweLion Strikers FC nokuliqela lakwidolophu yaseCala. “Asimazi unobangela owenze ukuba eliqela lingafiki kuba akukho nto siyixelelweyo,” kubeka uLuke. Ukanti uwancome ngokudlala kakuhle wonke lamaqela ngelithi abadlali bonke
bebezimisele ngeyona ndlela. |