|
Wale nothando kanti uzinqikela olunembovane
|
0 votes |
 |
|
 |
|
| Izibentelana ezingaka nezithanda ukuqubha nasemifuleni enenngozi zenza ixhala kumlambo uMbashe nokuphela kulwandle olubizwa ngeHazel nosele uginye abantu abaninzi, aba nguKhanya kunye no-Anathi Sangqu baseDutywa. |
by Babalwa Ndlanya
05 February 2010
UKUNGAVUMI ukuba babe nobudlelwane kwezothando kukhokelele ekubeni ibhinqa elineminyaka elishumi elinesibhozo ubudala lizibone sele lilixhoba lokudlwengulwa ngelixa lisendleleni esingise esikolweni, kwilali yaseNywara Village eDutywa.
Ngokwengxelo yosisithethi samapolisa, uCaptain Lingisile Magama, ixhoba lithe ladibana namadoda amathathu nalapho enye yawo iye yazibika uthando. Ingxelo ihambisa ithi amadoda amabini aye azikhwebula wona ahamba ze washiyeka umfo lo nogqibele ngokuba alitsalele ecaleni ixhoba eli azenzele kulo mhlaba ungezantsi.
“Lithe lafunyanwa ngabanye abafundi abebesiya esikolweni, ze baxelela abantu abadala abakufutshane nokungabo abakhwaze amapolisa bewaxelela ngesi sihelegu”. Wongeze ngelithi umrhanelwa lo ngowasekuhlaleni kwaye kungoku nje unkolonkoloza kwezimnyama zona izisele. |
|
|
Votes |
Rate this story/report |
Rating |
0 |
|
None
|
| |
|
|
no aditional images attached
no aditional files attached
|
 |
| |
Advertisement |
|
|
|