|
by Babalwa Ndlanya
05 February 2010
ABANTU abaninzi bathi ukusebenza endaweni enye xa abantu bethandana okanye betshatile kudla ngokuba neziphumo ezingekho zihle nanjengoko uye ufumanise ukuba xa sele izinto zingahambi kakuhle lo nto iye ichaphazele nomsebenzi.
Ukufumana kabanzi koku eli phephandaba lithe ladlana iindlebe nabanye abantu ukufumanisa ukuba zintoni ezingahambi kakuhle xa abantu besebenza kwindawo enye kwaye benobudlelwane.
UZameka Boyce yena uthe ayilunganga tu into yokuba abantu abatshatileyo okanye abathandanayo basebenze endaweni enye kuba umzekelo xa bexabene endlwini abanye abantu abakwazi ukufihla imisindo yabo umve umntu sele ephendula ngendlela engasiyiyo, kanti ingxabano iqale endlwini. “Mna andivumelani tu kuba kaloku nigqibela ningasa hloniphani kwaye nomsebenzi uchaphazeleke”.
Omnye othe uthanda ukuba abizwe ngoZakes naye uhamba phezu kwamazwi kaZameka watsho esithi ukusebenza kunye kwenza ukuba ningakhululeki kuba kaloku omnye usoloko ejongile ukuba omnye wenza ntoni, kwaye nasendlwini ngamanye amaxesha kuyaqunjelwana ngenxa yento yasemsebenzini. “Xa omnye ephethe kubanzima ukuba nomnye athobele ukulawulwa kuba kaloku kukhona lowo moya wokuba sinobudlelwane”.
Bakhona ke nabo abathe bona ababoni ngxaki apha kule nto kuba kaloku uthando luthando. UYoliswa Siyepu waseXhora uthe yena ukulungele ukusebenza nomyeni wakhe kwaye uyaqonda ukuba uthando lwabo alunakuchatshazelwa yilo nto. “Kuyefana kuba kaloku xa nisebenza nonke niza kunikezana la mbeko yokokuba nisazana kwaye mancinane amathuba okuba uve mhlawumbi indoda sele ikhonjwa komnye umntu okanye ibhinqa”. |