What do you think of the Margate Airport re-launches their flights?
Its long overdue
Its going to be out of our price range
Don´t care, don´t fly anyway

 

Sebephila ubomi bentshontsho ngenxa yomlambo


0 votes
The article has been Rated None stars
(l-R) Pamella Xipula, Mabusela Yonda, Mihlani Kwezi, Unathi Jonas, Fumane Moabi, Nonela James, Pamella Xipula and Smangele Sabuka enjoying the low-ropes obstacle course at the Youth Leadership programme in 2009.

by Babalwa Ndlanya
05 February 2010

Abahlali sebehlala benentaka ngenxa yomlambo ogqugqisileyo oginya abantu kwilali yasehobeni, exhorha. Uninzi lwabathe babandakanyeka kwelishwangusha ngaba lobi.
OKU kuchazwe ngomnye wabahlali nocele ukuba igama lakhe lingathiwa pahaha watsho esithi babalelwa kwithoba abantu abathe bajongana nengxaki yokutshona apha. “Kungangcono xa kungabakho abantu abawugadayo lo mfula ngalo lonke ixesha ukuze abantu bazi ukuba unobungozi,” kubeka lo mhlali.
Uhambise wathi kuyafuneka nokuba ujikelezwe ngocingo okungcono ukuze nabantwana bafumane ukhuseleko. Inkosi yala ndawo, uPhathisile Fudumele, uthe basothukile ziziganeko ezenzekayo kula mlambo ingakumbi esi sokugqibela nesenzeke kwinyanga egqithileyo apho indoda enguMnu Stokwana Stena ithe yafunyanwa iswelekile. Kuvakala ukuba uMnu Stena wayevela esikroxweni waya kufika kwakhe kodwa wasuka kwakhe waya kulomlambo nothe wafumaneka sele eswelekile.
“Abanye abantu baye batshone kuba bebehamba ngesikhephe mhlawumbi ke sohlulwe ngamanzi ze sitshone”. Uthe kona abahlali bayazama kangangoko ukugcina lo mlambo ukhuselekile. “Asingeke sitsho ukuba okanye uyabizela kodwa asazi imeko yawo singayichaza kanjani”. Weleke ngelithi unobangela wokuba basebenzise isikhephe kungoba banezihlobo ezihlala eWillowvale kwaye ke yiyona ndlela ilula le yokuba basebenzise isikhephe.
“Esikhephe siye sisetyenziswe nangabantu abasuke bekhawulela imali yendodla nabathi babayamkele kuGatyana. Sasiphiwa nguMasipala waseMbhashe esi sikhephe kwaye siyasinceda xa siwelayo kodwa sisaxakiwe yile nto yenzekayo ngoku,” ulebele ngelitshoyo uNkosi Fudumele.


Votes
Rate this story/report
Rating
0
None  
     
no aditional images attached
no aditional files attached

Comment on this story/report

Email:
Name:

 


- Related stories / reports -


Iyaphela imizi yimililo eMbhashe

KUBONAKALA ingathi ziwele kumhlaba ongavelisi siqhamo intetho ezithe zenziwa ngosisithethi sikaMasipala waseMbhashe, kwidolophu yaseDutywa nalapho ebebamba intlanganiso kunye neenkosi malunga nabantu abathi batshise amadlelo ebusika.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars

Kulunyukiswa abantu ngomlilo kwezi nyanga

LE nyanga ukuya kuma ngenyanga ka-Agasti zithathwa njengezona nyanga zengqele nalapho ithi iqhaqhazelisa amazinyo nto leyo eyenza abantu abaninzi ingakumbi abahlala kwindawo yogobityholo babe kukutya komlilo nanjengoko abanye belala bebase izitofu.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars

Bavuyele ipasika ngokup-hiwa amanzi acocekileyo

UOku kucace kakhulu kwiveki ephelileyo nalapho uninzi lwabantu obelusuka kwiilali ezahlukeneyo ziphahle lammandla zithontelane kwisikolo sase Maqoma Junior Secondary School, kwilali yaseMaqoma nalapho bekuqhutywa khona lomcimbi.
Comments: 0
5 votes
The article has been Rated 3.0 stars

Uqhankqalazo luchaphazele nabadlali

UQHANKQALAZO olugqubayo lwabasebenzi bakarhulumente sele luchaphazele nezemidlalo kwindawo yakuGatyana nanjengoko imidlalo emininzi ingakwazi ukuqhubeka ngenxa yabadlali abaqoqe imithwalo bagoduka ngelithi abafundi.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars

Sisibetho somoya nokuba hayi?

KUBONAKALA ingathi umoya othi ubhudle ngamandla uhambisa nesishi sele uyixabise kakhulu iMpuma koloni ingakumbi kwidolophu yaseCofimvaba.
Comments: 0
0 votes
The article has been Rated None stars
 
 
 
 
 
 
© 2007 FeverOnline - 2010/09/09 08:28:57 PM